2025
UMbono wokuQala
EyoMnga 2024


“Umbono wokuQala,” uMhlobo, EyoMqungu 2025, 26-28.

UMyalezo weNyanga Umhlobo EyoMqungu 2025

UMbono wokuQala

Ungalifunda eli bali ku IMbali—kaJoseph Smith 1:1–20.

UJoseph Smith ebukele indoda ishumayela kwiqela

Xa uJoseph Smith wayesemncinci, amabandla amaninzi ayefundisa izinto ezahlukeneyo ngoYesu Krestu. UJoseph wayengazi ukuba leliphi ibandla amakazimanye nalo.

UJoseph Smith ufunda iBhayibhile

Ngenye imini, wafunda EkaYakobi 1:5 eBhayibhileni. Yathi ukuba sifuna ubulumko, sinokubucela kuThixo. UJoseph wagqiba ukwenza njalo.

UJoseph Smith ehamba ehlathini

Ngaminazana entle yentwasahlobo, uJoseph waya ehlathini ukuze athandaze kuBawo oseZulwini.

UJoseph Smith uyathandaza

UJoseph waguqa kwaye waqalisa ukuthandaza. Kodwa emva koko weva ubumnyama bumngqungile. UJoseph wayesoyika. Wacela uncedo kuThixo.

UBawo waseZulwini kunye noYesu Krestu babonakala kuJoseph Smith

Ngokukhawulezileyo, uJoseph wabona ukukhanya okuqaqambileyo kusihla ezulwini. Wabona uBawo waseZulwini kunye noYesu Krestu bemi emoyeni. UBawo oseZulwini wabiza igama likaJoseph. Emva koko Walatha kuYesu Krestu kwaye wathi, “Lo nguNyana Wam oyiNtanda. Mveni Yena!”

UYesu Krestu

UYesu waxelela uJoseph ukuba angazimanyi nalo neliphi ibandla.

UJoseph Smith eguqile kwaye ejonge phezulu

UJoseph wayeyakunceda ukubuyisela ukuzalisekiswa kwevangeli ehlabathini.

UJoseph Smith encumile kwaye eshiya amahlathi

UJoseph wayesele engabhidekanga. Wayezele luvuoyo! Wayesazi ukuba uThixo uyamthanda. Abanye abantu babengakholelwa ukuba wayembonile uBawo waseZulwini kunye noYesu Krestu, kodwa yena wayesazi ukuba yinyani.

Iphepha lokufakela Imibala

UBawo oseZulwini Uyayiva kwaye Uyayiphendula Imithandazo yam

Iphepha lokufaka imibala loMbono wokuQala

Umzobo nguCorey Egbert

UBawo oseZulwini wawuphendula umthandazo kaJoseph Smith. Uzakuyiphendula eyakho nawe!