2024
UNifayi Ubona Usana uYesu
EyoMnga 2024


“UNifayi Ubona Usana uYesu,” uMhlobo, EyoMnga 2024, 26–27.

Umyalezo weNyanga uMhlobo, EyoMnga 2024

UNifayi Ubona Usana uYesu

ULihayi efundisa uNifayi, noNifayi ethandaza

Imizobo ngu-Andrew Bosley

Uyise kaNifayi, uLihayi, wabona umbono kaYesu Krestu. UNifayi naye wayefuna ukubona lombono. Wathandaza kwaye wacela ukubona okwabonwa nguyise wakhe.

UNifayi ebona uMariya kumbono.

UMoya oyiNgcwele wabonisa uNifayi umbono ofanayo. UNifayi wabona umfazi omncinci ogama linguMariya. UMoya oyiNgcwele wathi uyakuba ngumama woNyana kaThixo, uYesu Krestu.

UNifayi ebona uMariya noSana uYesu kumbono

UNifayi wabona usana uYesu noMariya. UMoya oyiNgcwele wathi uYesu uyakuza emhlabeni azo kunceda abantwana bakaBawo oseZulwini.

UNifayi ebhala phantsi umbono wakhe; intombazana ifunda izibhalo

UNifayi wabona ubomi bukaYesu Krestu. Wambona Yena ekhonza kwaye efundisa abantu. UNifayi wafunda izinto ezininzi ngoMsindisi. Unokufunda ngaYe nawe ngokufunda izibhalo.

Iphepha lokufakela Imibala

IKrisimesi Imalunga ngoYesu

Iphepha lokufakela imibala

Umfanekiso ngu-Adam Koford

“Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana” (Isaya 9:6).