2024
UYesu Wasikelela Ngabanye Ngabanye
EyeDwarha 2024


“UYesu Wasikelela Ngabanye Ngabanye,” Umhlobo, ‌eyeDwarha 2024, 26–27.

UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, eyeDwarha 2024

UYesu Wasikelela Ngabanye Ngabanye

AbaProfeti befundisa amaNifayithi

Imizobo ngu-Andrew Bosley

Abaprofeti bafundisa amaNifayithi ngemiqondiso yokufa kukaYesu Krestu. Xa Yena wafayo, kwabakho ubumnyama elizweni iintsuku ezintathu. Kamva, abantu beva ilizwi likaBawo waseZulwini lithetha liphuma ezulwini.

UYesu Krestu utyelela amaNifayithi

UBawo oseZulwini wathi,“Mboneni uNyana wam oyiNtanda, (3 Nifayi 11:7). UYesu wabonakala kumaNifayithi. Yena wavuswa ekufeni! Yena wafundisa amaNifayiti izinto ezininzi. Yena wawaxelela ukuba aguquke kwaye alandele Yena.

UYesu ephilisa abagulayo

Yena wacela abantu ukuba bazise abo babegula kuYe ukuze baphiliswe. Yena wabasikelela.

UYesu esikelela abantwana

Yena kananjalo wasikelela abantwana ngabanye ngabanye. Iingelosi zabangqonga abantwana.

Iphepha lokufakela Imibala

UMsindisi Uthanda Ngamnye waBantwana bakaBawo waseZulwini

Iphepha lokufakela imibala

Umfanekiso ngu-Adam Koford

Uluva njani uthando loMsindisi?