“UNifayi Uthandazela Abantu,” Umhlobo, EyoMsintsi 2024
UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, EyoMsintsi 2024
UNifayi Uthandazela Abantu
Imizobo ngu-Andrew Bosley
ULihayi wayengumprofeti. Wathiywa ngoNifayi owafumana amacwecwe obhedu. Wayenexhala ngabantu. Babeyekile ukulandela uThixo.
UNifayi waya egadini yakhe. Wakhwela inqaba egadini wathandaza kuThixo apho. Wabathandazela abantu.
Abanye abantu bamqaphela uNifayi phezu kwenqaba. Bema baphulaphula baza baqokelela abanye ukuba beve. Akuba uNifayi egqibile ukuthandaza, waqaphela ukuba babebukele kwaye waqalisa ukubafundisa.
UNifayi wacela abantu ukuba baguquke. Abanye babo babengayithandi into eyayifundiswa nguNifayi. Kodwa abanye abaninzi baphulaphula! Bakhetha ukuguquka baza batshintsha iindlela zabo.
Iphepha lokufakela Imibala
UYesu Usihlanganisa Njengesikhukukazi Sibutha Amantshontsho Aso
Umfanekiso ngu-Adam Koford
Uluva njani uthando lukaYesu Krestu?
© 2024 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, September 2024. Xhosa. 19357 774