2024
UMthi woBomi
EyoMqungu 2024


“UMthi woBomi,” Umhlobo, EyoMqungu 2024, 26–27.

UMyalezo weNyanga Umhlobo, EyoMqungu 2024

UMthi woBomi

Alt text

Imizobo ka-Andrew Bosley

ULihayi wayengumprofeti. UThixo wamxelela ukuba athabathe usapho lwakhe aluse kwilizwe lesithembiso. Ngelixa babehamba, waba nephupha ngomthi omhle. Wawubizwa ngokuba ngumthi wobomi.

alt text

Umthi wakhula isiqhamo esimhlophe esimnandi. ULihayi waziva onwabe kakhulu xa wasityayo! Wayefuna ukuba nosapho lwakhe lungcamle.

alt text

ULihayi kananjalo wabona nentonga [yentsimbi] yesinyithi eyayikhokelela emthini. Abantu babambelela kwintonga yesinyithi ukuze baye emthini baze batye isiqhamo.

alt text

Umthi kwiphupha likaLihayi unjengo thando lukaThixo. Intonga yesinyithi ifana nezibhalo. Xa sifunda izibhalo, siyasondela kuBawo oseZulwini noYesu Krestu.

Iphepha lokufakela Imibala

IZibhalo Zifundisa ngoYesu

Alt tex here

Umfanekiso ngu-Adam Koford

Leliphi ibali lakho olithandayo ngoYesu Krestu?