2023
UYesu Wasibonisa Thina iNdlela
EyeThupha 2023


“UYesu Wasibonisa Thina iNdlela,” Umhlobo, EyeThupha 2023, 4–5.

Imiyalezo yangeNyanga yoMhlobo, EyeThupha 2023

UYesu Wasibonisa Thina iNdlela

Alt text

Imizobo nguDan Burr

UYesu Krestu nguNyana kaBawo waseZulwini. Yena weza emhlabeni ukuze asibonise ukuba singabuyela njani kuBawo waseZulwini ngenye imini. UYesu wabhaptizwa. Yena wafundisa ukuba nathi sifanele sibhaptizwe.

alt text

UYesu wasibonisa thina indlela yokuphila. Yena wayethanda kwaye enceda wonke umntu. Yena ufuna thina simlandele.

alt text

UYesu wayiva yonke intlungu yethu waza wabandezeleka ngenxa yezono zethu. Emva koko Yena wasifela. Oku kubizwa ngokuba yiNtlawulelo kaYesu Krestu. Yena wavuswa. Oko kuthetha ukuba Yena uyaphila namhlanje! Ngenxa kaYesu Krestu, siyakuphila kwakhona emva kokuba sifile.

alt text

UYesu wasenzela zonke ezi zinto kuba Yena uyasithanda. Ngenxa yaKhe, singaphila kunye noBawo waseZulwini neentsapho zethu ngenye imini.

alt text

Sinokulandela uYesu ngokubhaptizwa. Kananjalo sinokulandela Yena yonke imihla xa sithanda kwaye sinceda abanye kwaye sigcine imiyalelo yaKhe.