2023
Umthendeleko wokuQala
EyeSilimela 2023


“UMthendeleko wokuQala,” Umhlobo, EyeSilimela 2023, 46–47.

Imiyalezo yoMhlobo yeNyanga, EyeSilimela 2023

Amabali Ezibhalo

Umthendeleko wokuQala

UYesu ehleli etafileni naPostile baKhe

Imizobo nguApryl Stott

Ngaphambi kokuba Yena afe, uYesu Krestu wadibana nabaPostile baKhe. Yena wabanika umthendeleko.

UYesu ebambe isonka

Uyesu waqhekeza isonka kwaye wabanika bona. Yena wabacela ukuba basitye ukubanceda bakhumbule ukuba Yena wanikela ngobomi baKhe ngenxa yabo.

UYesu ebambe indebe

Emva kokouYesu wabanika indebe. Yena wabacela ukuba basele kuyo. Nayo yayiza kubanceda bamkhumbule Yena.

AmaKrestu antlandlolo ethabatha umthendeleko

Nasemva kokuba uYesu wayengekho kunye nabaPostile baKhe, umthendeleko wabanceda ukuba bacinge ngaYe. Babenokuluva uthando lwaKhe kwaye bakhumbule ukugcina imiyalelo.

Iphepha lokufakela Imibala

Ndingawuthatha umthendeleko

Inkwenkwe ithatha umthendeleko

Umfanekiso nguApryl Stott

Xa ndithatha umthendeleko, ndiyakwazi ukukhumbula uYesu nothando lwaKhe kum.