2023
UYesu Uvusa uLazaro kwabaFileyo
Tshazimpunzi 2023


“UYesu Uvusa uLazaro kwaabaFileyo,” Umhlobo, Tshazimpunzi 2023, 46–47.

UMyalezo weNyanga Umhlobo, Tshazimpunzi 2023

UYesu Uvusa uLazaro kwabaFileyo

UYesu ehleli noMariya, uMarta, noLazaro.

Imizobo nguApryl Stott

UMariya noMarta babenomntakwabo ogama linguLazaro. Babengabahlobo bakaYesu Krestu.

UYesu ewola uMariya noMarta

ULazaro waye wagula kakhulu. Kungekudala, wafa. UMariya noMarta babebuhlungu. Xa uYesu weza, Yena wakhala nabo.

UYesu eme engcwabeni likaLazaro.

Emva koko uYesu waya nabo kwingcwaba likaLazaro. Wathi, “Lazaro, phuma.”

UYesu encedisa uLazaro aphume engcwabeni

ULazaro wama kwaye waphuma engcwabeni. Wayephila kwakhona! Ngenxa kaYesu, sonke sizakuphila kwakhona nathi!

Iphepha lokufakela Imibala

UYesu Krestu uyaphila.

Iphepha lokufakela imibala lomntwana ebambe umfanekiso kaYesu

Umzobo nguApryl Stott

Umkhumbula njani uYesu ngexesha lePasika?