2023
UYesu Krestu uZolisa iSaqhwithi
EyoKwindla 2023


“UYesu Krestu uZolisa iSaqhwithi,” Umhlobo EyoKwindla 2023, 46–47.

UMyalezo weNyanga Umhlobo EyoKwindla 2023

UYesu Krestu uZolisa iSaqhwithi

UYesu Krestu elele enqanaweni ngeli lixa abafundi Bakhe bejonge elwandle.

Imizobo ngu Apryl Stott

Ngobunye ubusuku uYesu Krestu nabafundi Bakhe bawela ulwandle ngenqanawe. UYesu wayediniwe kwaye walala ubuthongo.

Isaqhwithi siphethula inqanawe enoYesu kunye nabafundi Bakhe

Isaqhwithi safika. Amaza aya esiba makhulu ngokuba makhulu! Abafundi boyika. Bavusa uYesu kwaye bacela Yena ukuba abasindise.

UYesu uZolisa iSaqhwithi

UYesu wasukuma wathi, “Hlala uthi tu, uthi cwaka!” Isaqhwithi saye saphela. Amanzi azola.

Inkwenkwe encinane esonge ingalo zayo ekwavale namehlo ayo

Ukholo lwam kuYesu Krestu linokundizisela uxolo. Xa ndisoyika, uYesu unokundinceda ndizive ndizolile.

Iphepha lokufakela Imibala

Ndiyathanda ukuFunda ngoYesu

Iphepha lokufakela imibala lentombazana encinane ekhangele encwadini engoYesu

Umboniso ngu Patricia Geis

Yintoni oyaziyo ngoYesu?