2023
UYesu uPhilisa uMfazi
EyoMdumba 2023


“UYesu uPhilisa uMfazi,” iMiyalezo yangeNyanga Umhlobo EyoMdumba 2023

“UYesu uPhilisa uMfazi”

IMiyalezo yangeNyanga Umhlobo EyoMdumba 2023

UYesu uPhilisa uMfazi

UYesu ehamba esihla ngesitrato

Imizobo ngu Apryl Stott

Ngenye imini uYesu wahamba kwisitrato esixakekileyo. Kweso sihlwele kwakukho umfazi owayegula iminyaka eli-12.

umfazi ochukumisa ingubo kaYesu

Umfazi waye enokholo lokuba uYesu angamphilisa. Wafikelela kwaye wachukumisa ingubo yaKhe. Ngoko nangoko waphiliswa!

UYesu Krestu

“Ngubani na ochukumise iingubo zam?” UYesu wabuza. Umfazi wayesoyika. Waguqa phambi koYesu kwaye wamxelela Yena okwenzekileyo.

UYesu ethetha nomfazi

UYesu waye enothando. Yena wathi, “Yomelela.” Yena wamxelela ukuba uphilisiwe ngenxa yokholo lwakhe.

abantwana enqanaweni

Ndinganalo ukholo kuYesu Krestu. Uthando lwaKhe lungandinceda kwaye lundizisele uxolo.

Iphepha lokufakela Imibala

NdinoKholo kuYesu Krestu.

umama nonyana bethandaza

Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.

Umzobo ngu Apryl Stott

Ulubonisa njani ukholo lwakho?