2022
Amagama Amaninzi kaYesu
EyoMnga 2022


“Amagama Amaninzi kaYesu,” Imiyalezo yeNyanga Umhlobo, EyoMnga 2022

“Amagama Amaninzi kaYesu”

Imiyalezo yeNyanga Umhlobo, EyoMnga 2022

Amagama Amaninzi kaYesu

UHezekile ebhala

Imizobo nguApryl Stott

AbaProfeti abaninzi bafundisa ngoYesu Krestu. Bathi Yena uzakuzalwa asibonise indlela yokuphila. Basebenzisa amagama amaninzi ukufundisa ngaYe.

IBhayibhile neNcwadi kaMormoni

Ngamanye amaxesha kwizibhalo uYesu ubizwa ngo Imanuweli. Elo gama lithetha ukuba “uThixo unathi.”

ukushicilela iBhayibhile kumatshini wokuqala wokushicilela

UYesu ubizwa kananjalo uMesiya. Mesiya uthetha uthetha “umthanjiswa.” UYesu wasifela ukuba siphinde sihlale noThixo.

UJoseph Smith eguqulela iNcwadi kaMormoni noEmma njengonobhala

UYesu nguMsindisi wethu. Usisindisa kwizono zethu nokufa.

UYesu Krestu
usapho lufunda izibhalo

Elinye igama lika Yesu yiNkosana yoXolo. Xa sisoyika okanye siphazamisekile, angasingceda ukuba sizive sinoxolo ngoMoya oyiNgcwele.

abatwana nendoda ekwisitulo esinamavili befunda izibhalo

Ndiyamthanda uYesu Krestu. Ndingafunda ngobomi nothando lwaKhe kwizibhalo.

Iphepha lokufakela Imibala

Ndiyamthanda uYesu Krestu

abantwana nootitshala kwiMfundiso yaBantwana Abancinci

Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.

Umzobo nguApryl Stott

Ubonisa njani ukuba uyamthanda uYesu?