2022
Izithembiso zikaHezekile Ziba yiNyani
EyeDwarha 2022


Izithembiso zikaHezekile Ziba yiNyani,” Imiyalezo yeNyanga Umhlobo, EyeDwarha 2022

“Izithembiso zikaHezekile Ziba yiNyani”

UMyalezo weNyanga Umhlobo, EyeDwarha 2022

Izithembiso zikaHezekile Ziba yiNyani

UHezekile ebhala

Imizobo nguApryl Stott

UHezekile wayengumprofeti. UThixo wambonisa izinto ezininzi zexesha elizayo ezazingekenzeki. UHezekile wazibhala phantsi.

IBhayibhile neNcwadi kaMormoni

UHezekile wabhala ngeencwadi ezimbini ezaziya kushicilelwa ngenye imini. Enye incwadi yayiyiBhayibhile. Enye incwadi yayiyiNcwadi kaMormoni.

ukushicilela iBhayibhile kumatshini wokuqala wokushicilela

Kwiminyaka emininzi emva koko, iBhayibhile yashicilelwa.

UJoseph Smith eguqulela iNcwadi kaMormoni noEmma njengonobhala

Emva kweminyaka emininzi, uJoseph Smith waguqulela iNcwadi kaMormoni. Umbono kaHezekile waba yinyani!

UYesu Krestu

Namhlanje sinako ukufunda iBhayibhile neNcwadi kaMormoni. Zisebenza kunye ukufundisa ngoYesu Krestu.

usapho lufunda izibhalo

Xa ndifunda izibhalo, ndifunda ngoYesu Krestu.

Iphepha lokufakela Imibala

NdingaziFunda iZibhalo

Abantwana nootitshala kwiMfundiso yaBantwana Abancinci

Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.

Umzobo nguApryl Stott

Leliphi ibali lezibhalo olithanda kakhulu?