2022
UIsaya uFundisa ngoYesu Krestu
EyoMsintsi 2022


“UIsaya uFundisa ngoYesu Krestu,” UMyalezo weNyanga Umhlobo, EyoMsintsi 2022

“UIsaya uFundisa ngoYesu Krestu”

UMyalezo weNyanga Umhlobo, EyoMsintsi 2022

UIsaya uFundisa ngoYesu Krestu

UIsaya ebhala

Imizobo ngu Apryl Stott

UIsaya wayengumprofeti. Yena wayephila phambi kokuba uYesu Krestu azalwe. Kodwa wayesazi ukuba uYesu wayeza kuza.

UIsaya ethetha

UIsaya wathi uYesu wayeza kuzalwa njengoNyana kaThixo. UYesu wayeza kunceda kwaye aphilise abanye.

UYosefu, uMariya, nosana uYesu

UIsaya watsho kananjalo uYesu wayeza kuza emhlabeni. Yena wayezakubizwa uMthetheleli woXolo. Yena wayeza kunikezela ngobomi baKhe esenzela thina kuba usithanda kakhulu.

UYesu Krestu ovuke ekufeni

Izinto uIsaya awazifundisayo zaye zenzeka. Kwiminyaka emininzi kamva, uYesu weza emhlabeni. Yena wasibonisa indlela. Yena wafa waze waphila kwakhona. Yena uyaphila namhlanje!

umama efundela abantwana ngoYesu Krestu

Mna ndingafunda ngoYesu Krestu. Xa ndikhumbula oko andenzele kona Yena, ndiva uxolo kunye nethemba!

Iphepha lokufakela Imibala

Mna NdingaFunda ngoYesu Krestu.

UYesu Krestu eguqa ukuze athethe nomfazi

Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.

Umzobo ngu Apryl Stott

Leliphi ibali olithandayo ngoYesu?