2022
URute noNahomi
EyeSilimela 2022


“U-Abraham noSara,” UMyalezo weNyanga Umhlobo , EyeSilimela 2022

“URute noNahomi”

UMyalezo weNyanga Umhlobo , EyeSilimela 2022

URute noNahomi

URute uyatshata,nosapho lukaNahomi

Imizobo ngu–Apryl Stott

UNahomi nosapho lwakhe baya kwilizwe elitsha ngenxa yendlala. Bahlangana nentwazana ebizwa ngokuba nguRute. URute watshata unyana kaNahomi.

URute ekunye nomyeni oswelekayo

Emva koko umyeni kaRute waye wasweleka. URute wayekhathazeke kakhulu.

UNahomi

UNahomi naye kananjalo wayekhathazeke kakhulu. Wayenangenalo usapho olushiyekileyo oluzakumkhathalela. Wagqiba kwelokuba abuyele kwilizwe awayesuka kulo.

UNahomi noRute

UNahomi waxelela uRute okokuba abuyele kusapho lwakhe. Kodwa uRute wayemthanda uNahomi. Yena wathembisa ukuhamba noNahomi aze amkhathalelel.

URute ebhikica

URute noNahomi babengamahlwempu. Ngoko ke uRute wayesebenza nzima ekubafuneleni ukutya.

UBhohazi noRute entsimini

Ngenye imini indoda egama lingu Bhohazi yabona uRute eqokelela iinkozo ezishiyekileyo kwenye yeentsimi zakhe.

UBhohazi kunye nesicaka

UBhohazi wayenobubele Yena waxelela abasebenzi bakhe ukuba bamshiyele ukutya okuthe chatha uRute.

URute, uBhohazi, kunye noNahomi, nosana

Kamva uRute noBhohazi baye batshata. Bona babanosana oluyinkwenkwe. UNahomi wancedisa ukulikhathalela.

Usapho luphaka ukutya

Ndinganceda ekukhathaleleni abanye. Ndingaba nobubele kwabo bakwimfuno.

Iphepha lokufakela Imibala

NgingabaKhathalela Abanye

abantwana bekunye notatomkhulu

Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.

Umzobo ngu-Apryl Stott

Ngubani onokumnceda?