2022
UMoses neMana
Tshazimpunzi 2022


“UMoses neMana,” UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, uTshazimpunzi 2022

“UMoses neMana”

UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, uTshazimpunzi 2022

UMoses neMana

UMoses nabantwana bakaSirayeli

Imizobo ngu–Apryl Stott

UMoses wayengumprofeti. Wayekhokelela abantu bakaThixo ngakwilizwe lesithembiso. Baye bahamba iintsuku ezininzi.

abantwana benemana

Abantu babelambile. Babengenako ukutya. Ngoko ke uThixo waye wathumela ukutya okuvela ezulwini. Kwakubizwa ngokuba yimana.

unyana nomama belungisa imana

Rhoqo ngentsasa, abantu babeqokelela imana ababeza kuyitya. Kodwa yayisonakala ukuba babeyigcine ebusuku. Kwakufuneka baqokelele eninzi ngosuku olulandelayo.

UYesu Krestu kunye nabantwana

Imana isikhumbuza ngoYesu Krestu. UThixo waye wathumela imana ukuze asindise abantu. Waye wathumela uYesu emhlabeni ukuze asisindise. Sidinga uYesu yonke imihla, njengokufana nokudinga ukutya yonke imihla.

abantwana bejonge umfanekiso kaYesu Krestu

Mna ndiya kumlandela uYesu. Yena uya kundipha amandla kwaye andincede ndive uthando lwaKhe yonke imihla.

Iphepha lokufakela Imibala

Sidinga uYesu Yonke Imihla

UYesu Krestu kunye nabantwana

Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.

Umzobo ngu-Apryl Stott

Ingaba uYesu ukunceda njani?