2021
IBandla kwiHlabathi Jikelele
EyoMnga 2021


“IBandla kwiHlabathi Jikelele,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, Tshazimpunzi 2022.

Imiyalezo yeNyanga Umhlobo, EyoMnga 2021

IBandla kwiHlabathi Jikelele

abantwana boovulindlela

Imizobo ngu–Apryl Stott

INkosi yaxelela amalungu eBandla ukuba afudukele kude. Amanye ayeqhuba iinqwelo ezogqunyiweyo. Amanye ayetsala iinqwelwana zezandla.

abantwana bencedisa ekwakhiweni kweTempile yaseSalt Lake

Aye ahamba ayo kuhlala kwindawo entsha. Aye akha izindlu needolophu. Aye akha iitempile ezintsha.

abafundisi bevangeli bamandulo bebhaptizela emlanjeni

Abafundisi bevangeli baye baya kumazwe amaninzi. Baye bafundisa abanye malunga noYesu Krestu. Abantu abaninzi baye babhaptizwa. IBandla laye lakhula.

Ihlabathi jikelele
Umfanekiso oqingqiweyo wengelosi uMoronayi

Namhlanje, amalungu eBandla ahlala kulo lonke ihlabathi jikelele. Kukho iitempile kumazwe amaninzi.

abantwana

Nokuba sihlala phi na, uYesu uyasithanda. Ndiyazi ukuba Yena uyandithanda!

Iphepha lokufakela Imibala

UYesu Uyasithanda Sonke

UYesu Krestu kunye nabantwana

Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.

Umzobo ngu-Apryl Stott

Uluva njani uthando lukaYesu?