2021
UYesu Krestu waThiya Igama iBandla laKhe
EyeDwarha 2021


“UYesu Krestu waThiya Igama iBandla laKhe,” Umhlobo, Dwarha 2021.

UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, EyeDwarha 2021

UYesu Krestu waThiya Igama iBandla laKhe

UYesu Krestu
UJoseph Smith

UYesu Krestu waxelela uJoseph Smith ukuba makalithiye ntoni iBandla. Yena wathi liya kubizwa “IBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela.”

Indlu yendibano yeBandla

Amagama Yesu Krestu ayeyona nxalenye ebalulekileyo yegama leBandla. Kuba iliBandla likaYesu Krestu, lithiywe ngegama laKhe.

abantwana bephethe iikopi zeNcwadi kaMormoni

Abangcwele beMihla yokuGqibela kuthetha amalungu eBandla namhlanje.

owasetyhini nomntwana bebukele inkomfa yajikelele

Abaprofeti nabapostile bafundise ukuba ukusebenzisa igama elichanekileyo leBandla kubalulekile. Kunceda abanye bazi ukuba siyakholelwa kuYesu Krestu.

abantwana bejonge umzobo kaYesu Krestu

Xa abanye bendibuza ukuba ndikholelwani, ndingathi, “Ndikholelwa kuYesu Krestu. Mna ndingoweBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela.”

Iphepha lokufakela Imibala

NdiyaKholelwa kuYesu Krestu

abantwana bephethe umfanekiso kaYesu Krestu

Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.

Umzobo ngu-Apryl Stott

Yintoni ekunceda ufunde malunga ngoYesu?