2021
Umbono weCebo likaThixo
EyeKhala 2021


“Umbono weCebo likaThixo” Umhlobo, EyeKhala 2021

UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, EyeKhala 2021

Umbono weCebo likaThixo

UJoseph Smith noSidney Rigdon babona uBawo noNyana

Imizobo ngu–Apryl Stott

Ngenye imini uJoseph Smith noSidney Rigdon babefunda izibhalo ezingcwele. Baye babanombono. Baye babona uBawo Osezulwini kunye noYesu Krestu.

UBawo Osezulwini kunye noYesu Krestu

Baye bafunda ukuba ngaphambi kokuba sizalwe, sasihlala ezulwini noThixo.

umzali uwola umntwana olusizi

Size emhlabeni ukuza kufunda indlela yokulandela uYesu nokumamela uMoya oyiNgcwele. Sifunda ukugcina imiyalelo kwaye siguquke xa sisenza ukhetho olubi.

UYesu Krestu uphuma engcwabeni

Emva kokuba siswelekile, siya kuvuswa kwabafileyo. Ukuba singamalungisa, siyakuphila kunye noBawo wethu oseZulwini kwakhona.

utata ufundela iintombi

Ndingafunda ngecebo likaThixo kwizibhalo ezingcwele. Ngenxa kaYesu, ndingakwazi ukuba kunye nosapho lwam ngonaphakade.

Iphepha lokufakela Imibala

/UBawo oseZulwini UneCebo Ngam

usapho

Umlandela kanjani uYesu?