2021
Oodade bakwa-Rollins Bahlangula Usuku!
EyeSilimela 2021


“Oodade bakwa-Rollins Bahlangula Usuku!” Umhlobo, EyeSilimela 2021

UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, EyeSilimela 2021

Oodade bakwa-Rollins Bahlangula Usuku!

UJoseph Smith ejonge amaphepha

Imizobo ngu–Apryl Stott

UYesu Krestu waxelela uJoseph Smith izinto ezininzi ezibalulekileyo ezinokusinceda. IBandla lenza umatshini wokushicelela amazwi kaYesu. Ngaloo ndlela abantu babeza kwazi ukuwafunda.

amadoda aphosa amaphepha

Ngenye imini, iqela lamadoda anomsindo leza. Awutshabalalisa umatshini woshicelelo. Alahla amaphepha ezibhalo ezingcwele ngaphandle esitalatweni.

amantombazana abaleka namaphepha

Oodade ababini amagama anguMary Elizabeth kunye noCaroline Rollins akubona okwenzekayo. Babaleka kwaye baqokelela amaphepha ezingalweni zabo.

amantombazana ezimele kwintsimi yombona

Amantombazana azimela kwintsimi yombona ade amadoda ahamba. Ayezihlangule izibhalo ezingcwele! Ezo zibhalo zingcwele kamva zaba yinxalenye yeMfundiso neMinqophiso.

intombazana kunye nomakhulu bafunda izibhalo ezingcwele ebhasini

Ndiyakwazi ukufunda izibhalo ezingcwele. Ndinganenkalipho kwaye ndimele oko ndikukholelwayo.

Iphepha lokufakela Imibala

Ndinganenkalipho

usana lufumana umgonyo

Yintoni ekunceda ubenenkalipho?