2021
Ukuseka iBandla likaYesu Krestu
EyoKwindla 2021


Ukuseka iBandla likaYesu Krestu,” Umhlobo, EyoKwindla 2021

UMyalezo wangeNyanga woMhlobo, EyoKwindla 2021

Ukuseka iBandla likaYesu Krestu

UJoseph Smith no-Oliver Cowdery beseka iBandla

Imizobo ngu–Apryl Stott

KuTshazimpunzi ngomhla we-6, 1830, kwakukhona umhlangano okhethekileyo owawubanjelwe kwindlu yeenkuni. UJoseph Smith waye waseka iBandla likaYesu Krestu kwakhona emhlabeni.

umthendeleko kumhlangano wokusekwa kweBandla

UJoseph Smith no-Oliver Cowdery baye basikelela kwaye bagqithisa umthendeleko.

abantu bebhaptizwa emlanjeni

Emveni kokuphela komhlangano, abantu abaliqela baye babhaptizwa.

U-Emma Smith ekhokela abantu emculweni

Emva kweenyanga ezimbalwa, uThixo waye wabiza u-Emma Smith ukuba ahlanganise incwadi yamaculo yeBandla. Ngaloo ndlela abantu babezakwazi ukucula amaculo ngexesha lemihlangano yeBandla.

umhlangano waBantwana abancinane

Mna ndingoweBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Ndingacula amaculo kwaye ndithathe umthendeleko rhoqo ngeveki.

Iphepha lokufakela Imibala

Ndiyathanda Ukuya Enkonzweni

iphepha lokufakela imibala

Yintoni oyithandayo malunga nokuya enkonzweni?